Obituary
Amagqabantshintshi ngobom buka Nomsa Rachel Mguba
UNomsa uzalwa ngu Philip Mlamii Mashiqa iZizi ,uJama Sjadu uFakade no Rosey intombi kaMbaxa.Uzelwe ngomhla we 25 ku November 1946 ezalelwa kulonina eSomerset East.Ungumntwana wesibini kubantwana baka mfi uNqese nomfikazi uDeliwe Mashiqa,babesaziwa njalo abazali bakne.Ukhuiele eSomaseti,eBhayi,nase Kapa kuba abazali babengabaphangeli kwezi Dolophu.
Amabanga aphantsi uwafundele eSomerset East nase Hewu eMthwakazi nase Hekeni (Hackney)nase Mcewula ngenxa yemeko yezikolo zalomihla.Amabanga aphakamileyo uye wayokufunda kwisikoio samantombazana eLady Frere eMt Arthur Girls School.Uthe xa ephumelela iJunior Certificate ennagqabini umama wakhe wahlaselwa si Stroke ….kwafuneka utata abuye emsebenzini bazokuhiala eHewu besonga umama kunye nabantakwabo abancinci.
Ngelothuba lokonga umama wakhe waye wakhuthazwa ngumkhuluwa katata wakhe owayengumhloli wezikolo ukuba afunde bucaia iMatric wabe unkosikazi wakhe owaye ngumongikazi emkhuthazela ukuba ayokwenza ubongikazi .Wenza izifundo zobongikazi eVictoria Hospital.
Emva konyaka wafumana isithuba eNgcolosi kuTsolo watrainer as auxiliary nurse waphumelel Apho emva kwe 2 years wabuyela eDikeni eVictoria Hospital waqeshwa njengomongikazi (Registered Nurse) uthe elapho wabonwa lisoka umfo wakwa Mguba owayephangela kwallokholeji (Fort Hare) bazimanya ngeqhina lomtshato ngo 1978 balizwa ngabantwana abane 2 boys, 2 girls .Ebewuthanda umculo kakhulu (choral) nomculo wecawa ebengumhlabeleli yamaTshetshi St Barths wade woyiswa kukukhula .Ebengumama womanyano wanxitywa 1985 June. Ebelikhutnalele umanyano ehamba inkomfa engunobhala iminyaka waba ngusihlalo iminyaka eliqela .Uzihambile iinkomfa zomama engaphoswa ,ebaphathela lindaba oomama ,besenza ihand work ,esekwarayeni kukhutshiswano lomculo ngalo maxesha abo ,woyiswe kukukhula.Ukhe wazama ne soup kitchen benongasekhoyo umama uSeti bephekela abantwana bezikolo iAlice primary ne Khanyo pre School bencediswa yinkonzo St Barths yase Tshetshi bephekela eMission ngexesha lika mfundisi uMadywabe.Kanti ebekhe athathe inxaxheba ekucoceni indlu yecawa atshayele nangaphandle kwesakhiwo.uyithandile inkonzo yakhe.
Ushiya ngasemva umyeni wakhe, abantwana bakhe abane,abazukulwana abahianu kunye nomnakwabo uAndile.
Phumla ngoxoto Dlamini,Jama Sjadu Fakade
Program
Iculo lakhe
Makube ngokwako ukutanda, Nkosi;
ndinyulel’ indlela endobamba yona.
Nokub’ injanina, yeyona iyiyo, yeyondibekisa kolona luphumlo.
Ndingezinyuleli, eyon’ itandwa ndim;
Ndinyulele Wena, ‘ze ndingalahleki.
Okunqwenelwa ndim, kokwako, Tixo warn, nendlela mayibe kwa yeyakho nayo.
Nokokuba ute mandibe netsizi, nokuba buyolo—Kokwako konk’oko.
Mandizinyulelwa nguwe nezihiobo, nokuba sisifo, nokuba’ kuphila. Ukunyul’asikwam; umkokeli nguwe, yiba ngamandla am
Ube `nto zonke kum.
Amen.
Location(s)
Home
Church
Watch Funeral
Images from the funeral
Click here to download the images from the funeral.
Tributes
Please write your tribute in the comment section below.