This post contains the following: obituary, program, location, and tributes | eObituary from OurNews
Obituary
U Nomkuku Ginnie Stele wazalwa ngomhla we 21 December 1944 ,ezalwa ngutata uKleinbooi Stele umfo waseMacwerheni kunye nomama uNoyamile intombi yaseMangwevini,ezalelwa kumhlaba waseBalfour eUpsher.Bazalwa bengabantwana abathathu ,indodana enye neentombi ezimbini,omnye wabo uDouglas Stele oyinkulu kubazali babo sele walandulela eli.
Ngenxa yeemeko ezinzima zelo xesha waye wasishiya kusekutsha noko isikolo.
Uxelengele inyama esemtsha kakhulu,ebila esoma esebenzela abazali bakhe nabantwana bakowabo,usebenze kwiindawo ezininzi kakhulu njongomsebenzi wasemizini yabantu ( Domestic worker).Usebenzile kwiihotele eMonti,eNew Brighton eGqeberha njengeDomestic Worker,nalapha eBhofolo,esebenzela abamnyama nabamhlophe.
Uye wazimanya ngeqhina lomtshato nomfo waseMazizini ,uFanele Gaju ongasekhoyo,baze balizwa ngabantwana abathathu uBuyiswa,ongasekhoyo noAmos (AKA Gloki) niCingiswa (AKA Manqaza ) bona basadla amazimba.
Uzibalule kakhulu njengomntu obekhuthele kakhulu ,ehloniphe abantu abadala nabatsha ,enoncumo kumntu wonke.
Ushiya ngasemva abantwana bakhe ababini uAmos no-Cingiswa,abazukulwana nesizukulwana sesibini,udadewabo,
MYEKENI MACWERHA,BOGXARHA, VAMBANE,MAHLAHLA,MLAWU, YOKUPHUMLA. UGQATSO ULUFEZIWE ULINDELE ISITHSABA SAKHE
Program
- UKUFIKA KOMZIMBA :08:00
- INKONZO YOKWAMNKELA
- INKONZO YOOMAMA
- INKONZO YEZITHETHI
- MC :
- OBITUARY :MISS N. BADLA
- ESOKUKHULA :MRS N DYANTYI
- ESOKUHLALA :MRS N.MANDA
- ESEKHAYA :MR M. GAJU
- TRIBUTE :
- MS CINGISWA STELE
- :MS SIPHOSETHU NTONI
- IZITHETHI ZENKONZO
- UMHKOKELI WAKHE :MR W. NGXANGANE
- USIHLALO WOOMAMA :MRS N. RESHA
- IGOSA
- ESOMBULELO :MR M.D. GAJU
- MFUNDISI DLISA IZIMVU ZAKHO
- UMNGCELELE UKUYA EMANGCWABENI
Location
Tributes
Please write your tribute and condolences in the comment section below: