Funeral Service of the late Legina Manise Faku | eObituaries

Obituary

ULegina Manise Faku wazalwa ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga kaJuly ngo1942 ezalwa ngutata waseMacirheni uMzamo Jackson kunye noRhodah Nonasi Faku, intombi yakwaMtyanda uMamCwera eMpofu (abangasekhoyo). Ezalelwa kwilali yakwaMasingatha eQonce. Kokwabo ungowesihlanu kubantwana abasithoba besekusele abathathu ngaye,abanye sebalandulela eli.

Amabanga akhe aphantsi uwenze eHarperton BC School kwaMasingatha ephumelela ibanga lesithandathu, wadlulela eGold Secondary School apho enze iminyaka emibini kwi JC ngenxa yobukrele-krele bengqondo. Uqhubele phambili wenza ibanga leshumi (iMatric) eZeleni Senior Secondary School. Udlulele eBensonvale Teacher’s Training College apho aqeqeshelwa khona ubutitshalakazi.

UNomLex uye wasebenza njengeTitshalakazi kwisikolo iNdileka Primary School kwaNdileka. Uthe ngenxa yentshisakalo yothando lwezempilo uye wabeka phantsi kubutitshala wayokuqeqeshelwa izifundo zobongikazi ngo1972 kwisibhedlele iLivingstone eBhayi;apho aphumelele kulamabakala alandelayo:-

  • Certificate in General Nursing
  • Diploma in Midwifery
  • Diploma in Psychiatric Nursing
  • Bachelor of Arts in Nursing Science from Unisa

Isakhono sokoluleka impilo ngokwasengqondweni (Mental Health) uye wasigqamisa kwezizibhedlele zilandelayo:

  • Livingstone Hospital, PE/Gqeberha
  • Tower Hospital, Fort Beaufort
  • Fort England, Grahamstown/Makhanda
  • Grey Hospital Psychiatric Clinic, King Williams’ Town/Qonce

Ngomnye wama Nurse athe abanentlahla yokuya phesheya kolwandle eUnited Kingdom, apho azinikele kumsebenzi wakhe njengeRegistered Mental Nurse eBeech Court Care Centre in London de wafikelela kwixesha lomhlala phantsi emva kweminyaka engamashumi amabini esebenza khona.

Ngelixesha ese Bensonvale Teacher’s Training College waya wadibana nofafa olude iBhele lakwaMasiza uMilton Zwelakhe (ongasekhoyo) bazimanya ngeqhina lomtshato. Emtshatweni wabo uThixo uye wababala ngeentombi ezine: uNocebo (Mrs. Mafani), Pumla, Nomaza (Mrs. Ngomthi) kunye noMiranda (Mrs. Bukula). Impilo ayiyonto yakhe yamkhathaza uMamCirha kwaye nasesibhedlele eso uqale ukubona umnyango waso ngokuqutyulwa yingulo ethe yamxina iintsukwana ezimbalwa de wasandulela.

Ushiya ngasemva ooDade bakhe ababini, abazala bakhe, iintombi zakhe, abazukulwana, isizukulwana, abatshana nentlaninge yamaCirha namaBhele. Myekeni MaCirha nani MaBhele uNomlex aphumle….”Kuba mna sendithululwa ngokomnikelo, nalo ixesha lokunduluka kwam lifikile. Umzamo omhle ndiwuzamile, ugqatso ndilufezile, ukholo ndilugcinile. Oko kugqibela ndibekelwe isitshaba sobulungisa, eya kundibuyisela ngaso ngalo mini iNkosi, umgwebi olilungisa; ingabi ndim ndedwa ke, ibe ngabo bonke abakuthandayo ukubonakala kwayo.”

Program

Locations

Ulwamkelo lomzimba

Church Service

Watch Live

Ulwamkelo lomzimba
Church Service
Church Service continuation
Cemetery Service

Tributes

Have words of encouragement for the family, memories of the deceased, or just a tribute? Please write your tribute in the comment section below.

0 0 votes
Article Rating
Subscribe
Notify of
guest

0 Comments
Oldest
Newest Most Voted
Inline Feedbacks
View all comments
0
Would love your thoughts, please comment.x
()
x