Obituary
UNokulunga Olive Ngetu walibona ilanga ngomhla we 30 September 1973, ezalelwa kumhlaba waseBhofolo KwaZwelitsha ezalwa ngumama wakhe uNonceba Ngetu kunye notata wakhe uThamsanqa Dekeda. Bazalwa bengabantwana abathathu engowesibini yena kubo, owokuqala sele walandulela eli.
Imfundo esisiseko yamabanga akhe aphantsi uyirhabule eMaqoma Primary School waze wayokufunda uStandard 3 eNdzondelelo Primary School eQonce wabuyela eBhofolo waqoshelisa amabanga akhe aphantsi eTinisi Primary School, Waza wadlulela eNyibiba High School apho aphumelele khona ibanga lakhe leshumi (Grade 12).
Imfundo yakhe enomsila uyenze eUniversity of Western Cape apho aphumelele khona izifundo zakhe zeBachlor of Administration.
Uye waxilengela impilo eKapa wabuyela eBhofolo wazoxelengela impilo kumsebenzi weConstruction, wathi eselapho wafumana umsebenzi kwaDepartment of health ngomyaka ka2007, kuthe ngonyaka ka 2010 wafumana itransfer yosebenza eprovincial Hospital apha eBhofolo.
Kuzokuthi ngomhla we 7 kuJanuary wawo lomnyaka umiyo 2023 lasitshonela emini ilanga silolusapho xa sifikelwa ludaba lokushiywa kwethu yilenkosazana, ushiya ngasemva umntakwabo uLunga, abantwana bakhe usiphosethu no Hlomla, nomzukulwana wakhe uSoyama nosapho lwakhe luphela.
NDIKHULULENI MABHELE, MANGWEVU NANI BOOLETA NDIPHUMLE NGOXOLO.
LALA NGOXOLO MABHELE, QUNTA, MAFU, LANGA LOKULUNGA SOHLALA SIKUTHANDA
Program
UKUFIKA KOMZIMBA : 07H30
UKUYA EMANCWABENI : 13H30
INKONZO YEZITHETHI
Programme Director : Mr. M. Poti
Ufundo Lwe-Obituary : Audio
Isithethi seKhaya : Mr. L. Ngetu
Isithethi sokuKhula : Miss. N. Matikinca
Isithethi sokuHlala : Mr. V. Mtana
Isithethi soMsebenzi : Miss. M. Mkonto
Isithethi saMagqirha : Mr. Vityolo
Tribute : Family
Isithethi soMbulelo : Mr. V. Kwayinto
Intshumayelo : Rev. Njobe
Location
Coming soon…
Tributes
Please write your tribute in the comment section below.