Funeral Service of the late Sizwe Theophilus Ngcokovane | eObituary

Obituary

USizwe Theophilus Ngcokovane uzalwa ngubawo uTshambuluka, uJwara, kwakunye noNombulelo Deborah, uMamTshawe, intombi yakwaZoko eBhayi( Gqeberha) ezalelwa e eDikeni kwilali yaseRoxeni ngomhla we 30 January 1955. Bazalwe bengabantwana abasibhozo, amadoda amahlanu kwaneentombi ezintathu.

Amabanga akhe aphantsi uwenze eRoxeni B.C. School nakwaGaga B.C. School, waza wadlulela eMpambani Junior Secondary School nalapho aphumelele iJunior Certificate(JC) ngo 1973. Uye wayakufunda e-Amabhele High School eKrwakrwa nalapho ayewaphumelela khona imatric ngo1975. Udlulele eLovedale Teacher Training College apho aye waphumelela iJunior Secondary Teachers Course(JSTC) ngo1977.

 Ufunde eFortHare University ukususela ku1984 to 1986 nalapho aphumelele i-Bachelor of Arts(BA) khona. Uqhubekekile efunda bucala waphumelela i-Bachelor of Education(BED) kwi-University of FortHare kwane Masters in Education(MED) kwi-University of Free State.

Waye ngomnyaka u1987 wazimanya ngeqhina lomtshato noNombeko(uNomthunzi elasemzini) , uMaGaba intombi yakwaMali eTyhume. Kumtshato wabo bayebalizwa ngabantwana abathathu, uNosiphiwo, uChumani kwakunye noSibusiso.

Uye waphangela kwezi zikolo zilandelayo:

Zwelonke J.S.S. ( neyaye kamva yabizwa ngokuba yiDalubuhle) kwilali yaseSheshegu; Phillip Mzamo S.S.S. kwilali yaseNgxwalana; Imidushane High School kwaNgqwele nje ngesekela nqununu; Khwezi J.S.S eGxethu njengenqununu nase Njavula J.S.S( neyaye kamva yabizwa ngokuba yiZanemfundo) kwaMachibi. Kulapho athe wasebenza ixesha elide eyikhulisa yade yabe iyiHigh School. Uyishiyile iZanemfundo S.S.S ngo2008 esiya kubangumhloli kwiKing William’s Town District office of Education.

Emva kwenkonzo ende kwiSebe leZemfundo, uye wathatha umhlala phantsi ngo 2015. Akube ekumhlala-phantsi uye wazibandakanya namafama ethatha inxaxheba nakwimicimbi yophuhliso.

Ushiya ngasemva inkosikazi yakhe uMaGaba, abantwana bakhe abasixhenxe, inkosikazi yomkhuluwa wakhe uNowezile ( uMandlovu), umninawa wakhe uThembisile,inkosikazi yomninawa wakhe uNomzamo(uMaDlamini), abantwana babantakwabo kwakunye nabodade kwanabazukulwana.

Lala ngoxolo Jwara,Mtika, Mazaleni, ugqatso ulufezile.

Program

Location

Watch Funeral

If the broadcast is, for any reason, interrupted, please refresh the page a continuation will pop up below.

Images from the funeral

Please click here to download the images from the funeral.

Tributes

Please write your tribute on the comment section below.

0 0 votes
Article Rating
Subscribe
Notify of
guest

0 Comments
Oldest
Newest Most Voted
Inline Feedbacks
View all comments
0
Would love your thoughts, please comment.x
()
x