Funeral Service of the late Yolisa Beatrice Dlepu | eObituary

Obituary

UYoliswa Beatrice Dlepu wazalwa ngomhla we25 kuFebruary ka1932 kulamhlaba waseHewu. Ezalwa ngutata uJob kunye no Kholiswa Mabece intombi yakwa Madolo uManala. Bazalwa bezintombi ezimbini inguye owokuqala kulandele udade wabo uVuyelwa, ongasekhoyo.

Yoliswa Beatrice Dlepu

Amabanga akhe aphantsi uwenze eSheshegu Primary, nakwaRhayi Primary School, waza wadlulela  eNewel High School eBhayi, Uye waya kuqeqeshelwa izifundo zobuTitshala    eLovedale Training Institution nalapho wathi waphumelela khona iMatric yakhe.

Uye wayokuxelengela inyama kwezizikolo eSheshegu Primary School,  Boundary Hill    Primary School, Kenton on Sea Primary apho   wayeyiNqununu khona, eShepherds Bush, naseMaqoma Primary School apha eBhofolo.

Uthe ngomnyaka ka1957, wazimanya ngeqhina lomtshato nomfo waseMazizini kwaDlepu uNtuthuzelo igama ongasekhoyo. Baza balizwa ngabantwana abasibhozo (8), ababini kubo sele balandulela eli.

Family

Uye wasutywa kukufa ngomhla we2nd kuNovember walomnyaka umiyo (2022). Ushiya ngasemva abantana bakhe, abantakwabo, odade wabo, molokazana, abazukulwana,           abatshana, izihlobo nezalamane.  

ULALA KE OKWEXESHANA ELINDE UKUBUYA     KWESIBINI KWENKOSI      YAKHE UYESU KRESTU.

LALA UPHUMLE MARHADEBE, HLUBIKAZI, NGELENGELE, MTHIMKHULU MAFUZ’AFULELE    NJENGELIFU LEMVULA MASHWABADA        OWASHWABADELA IINKOMO NEEMPONDO ZAZO.

Program

UKUFIKA KOMZIMBA :  07h00

INKONZO YEZITHETHI
MC:

UFUNDO LWE OBITUARY : NONQABA MABECE
ESEKHAYA                     :  MAVUSO MABECE
                                        : NONCEDO MADOLO
ESASEMZINI                 : NOKUZOLA MCONI
TRIBUTE CHILDREN    :  SIVIWE DLEPU &
                                       : NOBULALI MBILINI
ABATSHANA                :NOMALIZO MATSHOBA &
                                      : BEN MAZWI
TRIBUTE GRANDCHILDREN:  APHIWE DLEPU

                             EZECAWA

MKHOKELI              :
MANYANO               :
GOSA                         :
ESOMBULELO         : NAMHLA MJO
INTSHUMAYELO    : REV. MFULENI

       INKONZO YOTYHILO LITYE

Location of the Funeral

Tributes

Please write your tribute in the comment section below.

Funeral was conducted by Ngqongqoshe Funeral Parlour
0 0 votes
Article Rating
Subscribe
Notify of
guest

1 Comment
Oldest
Newest Most Voted
Inline Feedbacks
View all comments
Nomonde Sibane
Nomonde Sibane
1 year ago

Rest in peace mama

1
0
Would love your thoughts, please comment.x
()
x