Inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni u Oscar Mabuayane ubhale kwikhasi lakhe lonxibelelwano kuFacebook ukuba Minyaka le, ngomhla we-9 kweyeThupha, ilizwe likhumbula iNyanga yabaseTyhini kwaye linika imbeko kwiimbokodo ezingaphezulu kwama-20 000 ababamba umngcelele ukuya kwiZakhiwo zoMdibaniso ngomhla we-9 kweyeThupha ngo-1956 bekhalazela iMithetho yamaPasi. Lo nyaka uphawula iminyaka engama-67 ukususela kuloo mngcelele.
URhulumente wePhondo leMpuma Koloni uza kube ebhiyozela uSuku lwabaseTyhini kulo umiyo phantsi komxholo oqukayo othi: “Ukukhawulezisa amathuba ezentlalo noqoqosho ukuze kuxhotyiswe abasetyhini.” uMabuyane uthi Kuyo yonke le nyanga, abazu kugxila kuphela kumalinge akwicandelo lokuxhotyiswa kwezentlalo noqoqosho, kodwa baya kubandakanya amaphulo akwicandelo lezolimo, uqoqosho lohlaza, icandelo lenkunkuma, icandelo lezemveliso, icandelo lobugcisa kunye necandelo lokuvelisa izinto ezintsha, phakathi kwezinye kweli phondo. UMabuyane uthi kholelwa ekubeni ukuxhotyiswa kwabasetyhini lishishini lomntu wonke, kwaye idinga inkxaso karhulumente, amashishini kunye noluntu.
Ebongoza kananjalo ukuba kusetyenziswane ukuze kususwe imiqobo ethintela abasetyhini ukuba bangene kwaye baphumelele kwimarike yezemisebenzi, kuqatshelwe ukuzincama kwabo kwaye kuqinisekise ukuthatha kwabo inxaxheba ngokupheleleyo ekuqhubeni uqoqosho olubandakanyayo.