Umbutho wabasebenzi bakarhulumente (PSA) umemelele ukhuseleko kwiziko loluleko iSt Albans eGqeberha kulandela ukuhlatywa kwegosa libanjwa ngoLwesine. Olu hlaselo lwenzeke lo gama amagosa ebenika amabanjwa isidlo sakusasa kufutshane neholo yokutyela. Isithethi sePSA uMadoda Maxakana uthi eli gosa lonzakele ebusweni nasezandleni.
Uye wabalekiselwa kwisibhedlele iLivingstone ukuze afumane unyango. Ingxelo zithi esi sehlo sangoLwesine sisesesibini ukwenzeka kwiiveki ezininzi. Kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, elinye igosa lahlatywa entanyeni nasemagxeni. UMaxakana uthi esi sehlo besinokuphetshwa ukuba iSebe leeNkonzo zoLuleko (DCS) livale zonke izithuba ezingenabantu, njengoko iPSA isoloko ifuna njalo. Esithi I-PSA ibongoza iSebe ukuba livale izithuba ngokukhawuleza ukuze kuthintelwe obunye ubundlobongela nohlaselo olubulalayo kumaziko oluleko.
Abameli bePSA baya kutyelela amagosa enzakeleyo ukuze banike inkxaso yokuziphatha kunye noncedo. Isithethi sesebe lezoluleko, uSingabakho Nxumalo, ungqinile ukuba kukho ibanjwa elihlabe eli gosa lisebenzisa into ebukhali. NgokukaNxumalo, esi siganeko siyaphandwa.